UMBUTHO WABAHLOLI BOBULUNGISA EZINTOLONGWENI
I-Ofisi yeJaji yokuHlola
Umnxeba: 421 1012/3/4/5
Ifeksi : 418 - 1069
Yintoni uMbutho wabaHloli boBulungisa eziNtolongweni?
Injongo yoMbutho wabaHloli boBulungisa eziNtolongweni?
Injongo yoMbutho wabaHloli boBulungisa eziNtolongweni kukwenza uhlolo lweentolongo lube lula ukwenzela ukuba iJaji yokuHlola inike ingxelo ngempatho nangeemeko zamabanjwa ezintolongweni.
Ukwakhiwa koMbutho wabaHloli boBulungisa eziNtolongweni?
UMbutho wabaHloli wenziwe ngamaqela amane, abaHloli bona basebenza ukuhlola nokuphengulula, iQela leeNkonzo zoMthetho zisebenza ngezikhalazo zamabanjwa, iCandelo lomLolongi oZimeleyo weNtolongo (Independent Prison Visitor) (IPV) lisebenzisana nokumiswa kwexesha nendawo kunye nabaphathi jikelele be-IPV ize neQela eliLawulayo lisebenzisane ngezimali, ulungiselelo lwenkxaso kwakunye nabaphathi bobutyebi. Amaqela anika ingxelo kuMlawuli, uMnumzana Gideon Morris.
Ngubani iJaji yokuHlola?
Yintoni imisebenzi yeJaji yokuHlola?
Kukuhlola okanye ukucwangcisa uhlolo lweentolongo ukwenzela akwazi ukunika ingxelo ngempatho yeentolongo kunye neemeko zeentolongo.
Kukwamkela asebenze ngezikhalazo zamabanjwa ezingeniswe liBhunga leSizwe leNkonzo Zoluleko, uMphathiswa, umKhomishinala, okanye iKomiti yabaLolongi nakumatyala angxamisekileyo ngumLolongi oZimeleyo weNtolongo.
Kukungenisa ingxelo yohlolo ngalunye kuMphathiswa nakwabanye abantu njengoko iJaji yokuHlola icinga ukuba kufanelekile.
Kukungenisa ingxelo yonyaka kuMongameli nakuMphathiswa.
Kukuphatha okanye ukucwangcisa uphengululo ukuba lubanjwe ezintolongweni nalapho kuyimfuneko yokubamba iindibano zovakaliso-zimvo.
Ingaba iJaji yokuHlola iluqhuba njani uhlolo?
IJaji yokuHlola yonyula abahloli okanye abancedisi ababodwa ukuqhubekekisa uhlolo njengoko icinga ukuba kuyimfuneko.
Ngobani abaLolongi abaZimeleyo eNtolongweni.
Ii-IPV ngamalungu abahlali bethu abathe emveni kokubiza utyumbo loluntu, atyunjwa ezintolongweni zethu.
Ingaba izikhalazo zamabanjwa ziphathwa njani?
Ibanjwa ngalinye linelungelo lokumangalela isikhalazo kwintloko yentolongo, ekunyanzelekileyo ukuba isirekhodishe eso sikhalazo, isebenze ngaso,emveni koko yazise nebanjwa ngesiphumo. Ukuba ibanjwa alanelisekanga yimpendulo, linokusijolisa ngqo kwi-IPV isikhalazo, okanye xa ngaba i-IPV ayikho, isijolise kwiJaji yokuHlola.
Yintoni imisebenzi yabaLolongi abaZimeleyo eNtolongweni (IPU).
Kukuhambisana nezikhalazo zamabanjwa ngokuwatyelela rhoqo nokudlana indlebe bucala namabanjwa ukuba ngaba kuyimfuneko oko.
Kukuxoxa izikhalazo neNtloko yeNtolongo ngenjongo yokusombulula imicimbi yangaphakathi.
Kukugqithisela naso nasiphi na isikhalazo esingasonjululwanga yiKomiti yabaLolongi esinxulumene nayo.
Kukungenisa iingxelo kwiJaji yokuHlola, ngxelo ezo zibandakanya amaxesha okulolonga, inani nohlobo lwezikhalazo ezigqithiselwa kwiKomiti yabaLolongi aba nxulumene nazo.
Ungaqhagamshelana njani nomLolongi oZimeleyo weNtolongo?
AbaLolongi abaZimeleyo beeNtolongo bonyulwa kwiintolongo ezininzi ukwenza lula izisombululo kwizikhalazo zamabanjwa. Amabanjwa fanele abuze kwiNtloko yeNtolongo ukuba ayafuna na ukwenza isigqibo sokuhlangana ne-IPV.
Izikhalazo ezingasonjululwanga ezivela kwiiKomiti zabaLolongi?
Izikhalazo ezingasonjululwanga ezivela kwiiKomiti zabaLolongi kusetyenzwa ngazo kwi-ofisi yeJaji yokuHlola. Imimiselo eyenziwa kwi-Ofisi yeJaji yokuHlola iyagqibelela.
Loluphi uhlobo lwesikhalazo iJaji yokuHlola egunyaziswe ukuba isebenze ngaso?
Izikhalazo ezinxulumana neemeko zentolongo okanye impatho yamabanjwa entolongweni. Loo nto ibekela bucala, umzekelo, izikhalazo ezinxulumene neemfanelo zokugwetywa okanye izigwebo nolwaphulo lwamalungelo enzeka ngaphandle kwentolongo.
IJaji yokuHlola kungaqhagamshelwana njani nayo?
Ezinye izikhalazo zingangeniswa kwiJaji yokuHlola, ngokuthi ubhalele ku-:
Mbutho wabaHloli boBulungisa eziNtolongweni
I-Ofisi yeJaji yokuHlola iiNtolongo
Umnxeba: 421 - 1012/3/4
Ifeksi: 418 - 1069
